Isebe:
leeNkonzo zasebuRhulumenteni noLawulo
IMVUME YOKUHLALA EKHAYA NGENXA YOKUGULA, IMVUME YOKUNGABIKHO KWANOKUDLA UMHLALAPHANTSI WEMPILO YOKUGULA KWINKONZO KAWONKEWONKE
INGABA KUTHIWANI NGEMVUME YOKUHLALA EKHAYA NGENXA YOKUGULA?
Kwizehlo eziqhelekileyo zobomi bakho ungagula okanye wonzakale apho kuya kufuneka ufumane imvume yokuhlala ekhaya ukuba uchache kwisigulo okanye kumonzakalo. Nceda qaphela ukuba ukonzakala kule imeko akubhekiselelanga kumonzakalo emsebenzini.
ATHINI AMALUNGELO AKHO?
Ziintsuku ezingama-36 eziqhelekileyo zemvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula enentlawulo yakho iyonke kumjikelo wemvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula. Umjikelo wemvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula lixesha leminyaka emithathu ilandelelana. Umjikelo okhoyo wemvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula ngoku uqale nge-1 kweyoMqungu 2004.
ZIZIPHI IIMFANELO ZAKHO EKUSEBENZISENI IMVUME YOKUHLALA EKHAYA NGENXA YOKUGULA OKUQHELEKILEYO?
Ukuba uzazi kwangethuba ukuba fanele utyelele inkqubo yesibhedlele, umz. utyando, fanele wenze isicelo ungenise ifomu yesicelo kwangethuba.
Ukanti, ukuba woyiswe sisigulo esiqubulisayo okanye uyenzakala, yazisa umongameli wakho kwangethuba ukuba awunakho ukusebenza ngenxa yesigulo okanye umonzakalo. Umyalezo womlomo ingaba sisihlobo, iqabane lasemsebenzini okanye umhlobo uvumeleke kuphela xa imeko na/okanye ubukhulu besigulo/umonzakalo ukunqanda ukuba wazise umongameli/ umphathi wakho ngokunokwakho.
BALULEKILEYO!
Ufanele ufake isicelo semvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula ngokunokwakho okanye uthumele isihlobo sakho, iqabane lasemsebenzini kwintsuku eziyi-5 zokusebenza emva kosuku lokuqala ungezanga.
Ngenisa isiqinisekiso sikagqirha sokugula sexesha elingangeentsuku ezintathu nangaphezulu KWAYE kwisihlo apho usebenzise imvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula ngaphezu kwesibini kwixesha leveki ezisi-8, ungalikhathaleli ixesha obungekho ngalo. Bhekiselela nakuVunyo lweziQinisekiso zikaGqirha ezingasezantsi.
Sebenzisa ulawule imvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula ngokuqhelekileyo ngendlela ethembekileyo nangokulumkileyo ngexesha lomjikelo wemvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula.
Yeka ukusebenzisa imvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula uyisebenzisele ezinye izinto ngaphandle kokugula okanye umonzakalo njengoko ungaphela usibasengxakini kamva kumjikelo wemvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula.
INGABA ZIZIPHI IIMFANELO ZOMQESHI?
Kukucinga nokunika imvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula ngokuvumelana nesicelo sakho.
Kukongamela kwanokuphanda ngemvume eqhelekileyo yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula eyodwa ngokwentsingiselo yokusetyenziswa kakubi okunokubakho. Ukuthabatha amanyathelo ukubangaba ikho imfuneko. Umqeshi ngamanye amaxesha makacele isiqinisekiso sikagqirha samaxesha angaphantsi kweentsuku eziyi-3 ukubangaba intsingiselo ethile ifunyenwe.
Kukucebisa abasebenzi ngendlela yokusebenzisa ngengqondo imvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula.
Ziqhelanise nokusingqongileyo kwasemsebenzini okanye iimfuno zomsebenzi okanye ufune ingqesho engenye, njl-njl kwiimeko apho kuyimfuneko.
INGABA YINTONI IMVUME YOKUNGABIKHO?
Imvume yokungabikho luncedo apho ungenza isicelo kwisihlo apho uyisebenzise yaphela imvume eqhelekileyo yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula kwiminyaka eyi-3 yomjikelo wemvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula. Imvume yokungabikho ilungiselelwe iinjongo zolawulo ezahlulwe ngeendidi ezizintlobo ezimbini:
Ukungabikho ixesha elifutshane -kuxa ixesha lemvume yokungabikho olicelileyo ilele ntsuku ezingama-29 okanye ngaphantsi.
Ukungabikho ixesha elide -kuxa wenze isicelo seentsuku ezingama-30 okanye iintsuku ezingaphezulu zemvume yokungabikho.
INGABA LAMANCEDO AQULETHE NTONI?
Ungasenza isicelo usenzele ithuba ngalinye nawo onke amathuba ukuba ufuna imvume yokungabikho, ngokuxhomekeke ku-
ekungenisweni kwesiqinisekiso sikagqirha kwithuba ngalinye ; na kuphandonzulu lomqeshi endalweni nasebudeni besigulo sakho okanye umonzakalo.
BALULEKILEYO!
Ungangaphindi uyisebenzise ifomu yesicelo semvume u-Z1 ukulungiselela imvume yokungabikho. Zikhona iifomu zesicelo ezimiselwe imvume yokungabikho ixesha elifutshane nelide, ngokwahlukahlukeneyo. Qinisekisa ukuba iifomu zakho zigcwaliswe ngokufanelekileyo kwaye bonke ubungqina obuxhasayo budityanisiwe.
INGABA ZIZIPHI IIMFANELO ZAKHO?
Yenza isicelo kwiifomu zezicelo ezifunekayo. Nceda qaphela ukuba fanele wenze isicelo kwiifomu zezicelo ezimiselwe imvume yokungabikho okufutshane nokude ngokwahlukahlukeneyo. Mhlawumbi ungangaphindi usebenzise ifomu u-Z1 umsebenzisele le njongo.
Ukuba uzazi kwangethuba ukuba fanele utyelele inkqubo yesibhedlele, umz. utyando, fanele wenze isicelo ungenise ifomu yesicelo kwangethuba.
Ukanti, ukuba woyiswe sisigulo esiqubulisayo okanye uyenzakala, yazisa umongameli wakho kwangethuba ukuba awukwazi ukusebenza ngenxa yesigulo okanye umonzakalo. Umyalezo womlomo ingaba sisihlobo, iqabane lasemsebenzini okanye umhlobo livumeleke kuphela xa imeko na/okanye ubukhulu besigulo/umonzakalo ukunqanda ukuba wazise umongameli/ umphathi wakho ngokunokwakho.
BALULEKILEYO!
Ufanele ufake isicelo semvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula ngokunokwakho okanye uthumele isihlobo sakho, iqabane lasemsebenzini kwintsuku eziyi-5 zokusebenza emva kosuku lokuqala ungezanga.
Fanele rhoqo usoloko ungenisa isiqinisekiso sakho sakwagqirha kunye nesicelo sakho. Ungangenisa ingxelo kagqirha exhasayo ekhoyo kwakunye nolwazi, kwakunye nempembelelo ebhaliweyo oyingenisa kunye nesicelo semvume yokungabikho. Bhekiselela nakuVunyo lweziQinisekiso zikaGqirha.
Yeka ukusebenzisa kakubi imvume yokungabikho.
Bambelela unike imbeko kwizigqibo zokuxilongwa ngugqirha okungaphaya okuhleliweyo bacelwa nobuhlelwe nguMphathi weMpilo eseNgozini yoMqeshi.
INGABA ZIZIPHI IIMFANELO ZOMQESHI?
Umqeshi uza kukunika imvume yokungabikho ngoxhomekeko olumiselwe isiphumo sophandonzulu endalweni nakubukhulu bemvume yokungabikho.
Umqeshi uza kukwazisa ngeziphumo zakhe athabathe amanyathelo afanelekileyo ngokweziphumo zayo.
INGABA YINTONI UKUDLA UMHLALAPHANTSI WEMPILO YOKUGULA?
Xa kucaca ukuba awunakuphinda usebenze ngenxa yezizathu zokugula, ungakhutshwa/udle umhlalaphantsi engqeshweni yeeNkonzo zasebuRhulumenteni xa ugula.
INGABA AQULETHE NTONI?
Nokuba nguwe okanye umqeshi wakho angaqalisa ukuwudla umhlalaphantsi wempilo yokugula xa inokukrokrelwa ukuba awunokuphinda usebenze. Oku mhlawumbi kungaba kwenzeke emva kwengozi yemoto.
Ukuba wenza isicelo semvume yokungabikho ixesha elide nophandonzulu lomqeshi lube lubonisa ukuba awunakuphinde usebenze, bangasinyusa isicelo sakho sokungabikho sibe sisicelo sokudla umhlalaphantsi wempilo yokugula.
INGABA ZITHINI IIMFANELO ZAKHO?
Ungacelwa ukuba ugcwalise iifomu ezithile zesicelo zokudla umhlalaphantsi ngempilo yokugula.
Ngenisa iziqinisekiso zikagqirha nayo nayiphina ingxelo kagqirha exhasayo ekhoyo kwakunye nolwazi kunye nesicelo. Bhekiselela nakuVunyo lweziQinisekiso zikaGqirha.
Bambelela unike imbeko kwizigqibo zokuxilongwa ngugqirha okungaphaya okuhleliweyo bacelwa nobuhlelwe nguMphathi weMpilo eseNgozini yoMqeshi.
INGABA ZITHINI IIMFANELO ZOMQESHI?
Umqeshi uza kukwazisa ngeziphumo zakhe athabathe amanyathelo afanelekileyo ngokweziphumo zayo.
UKWAMKELEKA KWEZIQINISEKISO ZIKAGQIRHA!
Malunga neenjongo zemvume eqhelekileyo yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula iziqinisekiso zikagqirha ezikhutshiweyo zaze zasayinwa ngugqirha nangumntu ongqinelayo ngokuqonda isifo ngokusixilonga nangokusinyanga sabaguli ababhaliswe kumabhunga azisigxina nazinziswe ngumThetho wePalamente aza kukwamkeleka:
IBhunga leziGxina zeMpilo loMzantsi Afrika
IBhunga leziGxina zeMpilo eliManyeneyo loMzantsi Afrika
IBhunga laBongikazi loMzantsi Afrika
Malunga nemvume yokungabikho umqeshi uza kuvumela iziqinisekiso zikagqirha ezikhutshwe zasayinwa ngugqirha obhalise kunye neBhunga leziGxina zeMpilo loMzantsi Afrika nongqinelana ngokusemthethweni nokuqonda isifo ngokusixilonga nangokusinyanga sabaguli. Isiqinisekiso esinjalo sikagqirha fanele ngemvume echazwe nguwe sichaze uhlobo nobukhulu besigulo/ umonzakalo.
Isiqinisekiso sikagqirha fanele siqulathe ulwazi olulandelayo:
Igama lomguli
Umhla nexesha lokuxilongwa
Ugqirha nokuba ukhupha isiqinisekiso ngenxa yemigqaliselo eyeyakhe ngexesha lokuxilonga, okanye ngenxa yolwazi olufumaneke kumguli olusekeke phezu konyango olwamkelekileyo.
Inkcazelo yesigulo/ isiphazamisi, ngaphandle okokuba umguli unike imvume yokuxela ulwazi olunjalo.
Umguli nokuba akaphilanga ngokupheleleyo ukulungiselela umsebenzi okanye umguli uza kuba nako ukwenza imisebenzi engekho nzima kakhulu kwindawo yasemsebenzini.
Ixesha lokuthethelela imvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula kwanomhla wokukhupha isiqinisekiso sokugula
Ubuni bukagqirha ukuba usebenzisa iziqinisekiso zikagqirha ezishicilelweyo kuqala, ngendlela yokuthetha engenakusetyeziswa ngumguli kufaneleke icinyiwe.
Thembisa ukuba umqeshi ngokungqinelana namalungelo akho omgaqo-siseko kubomi obubobakho, umGaqo wokuziPhatha ngokwemiMiselo yeeNkonzo zasebuRhulumenteni, uza kuphatha ngawo onke amaxesha naluphi na ulwazi oluphathelelene nemeko enobugqirha bomsebenzi ngononelelo olufanelekileyo kwanokuthemba abanye. Nasiphina isigqitho sala malungelo siza kuphononongwa ngendlela endilisekileyo kwaye isenzo soqeqesho esiyimfuneko sakumiselwa.
QAPHELA!
Umqeshi angacingela aphinde aqalise kuphela uphandonzulu lwesicelo sakho xa ungenise ifomu yesicelo esigcwaliswe ngokufanelekileyo nawo onke amaxwebhu afunekayo. Oku kubandakanya ukubuyela kugqirha wakho ukuba agcwalise ingxelo eyimfuneko neyinxalenye yeefomu zezicelo. Ifomu engagqitywanga ukugcwaliswa ingafaka engozini ilungelo lakho ngemvume yokungabikho okanye umhlalaphantsi wempilo yokugula.
Ukuba u -
funa ixesha lokunduluka uze udibane nogqirha, ingcali yokunyanga, njl-njl. Malunga nezizathu eziphathelelene nempilo yakho; okanye ngabikho ingxenye yosuku ngenxa yokugula okanye ukwenzakala; okanye limele kwaye fanele usebenzele ukugcinwa kwezixhobo ezisetyenziswayo ngenxa yobulwelwe bakho, umqeshi uza kukunika ixesha lokunduluka ukulungiselela ezi ntsuku zokungabikho kwakho. Umqeshi uza kugcina ngezandla irekhodi lamaxesha anjalo asetyenziswe njengamaxesha okunduluka de usuku olugcweleyo lube lugcwalisiwe. Emveni koko luya kuthatyathwa kumalungiselelo akho emvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula.
Kwimeko enjalo uza kulindeleka ukuba ugcwalise irejista yexesha lokunduluka ukulungiselela iinjongo zokurekhodisha.
Ubungqina bezehlo ezinjalo ngokucacileyo bokuba yimfuneko.
